Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 11:16-24 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi.

17. Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.

18. UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala.

19. Uhleli amakhulu mabini anethoba emva koko, wazala nabanye abantwana.

20. URewu uzele unyana, uSerugi, emashumi mathathu anambini ubudala.

21. Uhleli amakhulu mabini anesixhenxe emva koko, wazala nabanye abantwana.

22. Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore.

23. Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.

24. Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 11