Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 8:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa âkwazi nawo ukuyenza loo nto yayisenziwa nguAron, aza anyakazela amasele kwelaseJiputa.

8. Ke ukumkani wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Khanimbongoze uNdikhoyo awasuse la masele kum nakubantu bam, ukuze mna ndibakhulule abantu bakowenu, baye kubingelela kuNdikhoyo.”

9. UMosis waphendula wathi: “Loo nto ndingayenza ngovuyo, nto nje wena misa ixesha ofuna ndikuthandazele ngalo wena namaphakathi akho nabo bonke abantu bakho, ukuze nahlukane namasele, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

10. Ukumkani ke waphendula wathi: “Makaphele ngomso.”Wathi ke uMosis: “Kuya kuba njengokuba uthetha, khon' ukuze uqonde ukuba akakho onjengoNdikhoyo uThixo wethu.

11. Amasele aya kumka kuwe nasezindlwini zakho, kumaphakathi nakubantu bakho, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

12. UMosis noAron bamshiya ke ukumkani. UMosis wambongoza uNdikhoyo ngokubhekisele kumasele awayenyakazela kwakumkani.

13. Naye uNdikhoyo wenza ngokwesicelo sikaMosis; aza ke amasele afa ezindlwini, ezinkundleni, nasemasimini.

14. Aqokelelwa ke, aba ziinqumba; yeka ke iphunga!

15. Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.

16. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.”

17. UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.

18. Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 8