Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 8:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.

16. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.”

17. UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.

18. Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana.

19. Ke wona amaqili angqina athi kukumkani: “Ngumnwe kaThixo lo.” Kambe ke, njengoko uNdikhoyo wayetshilo, yena ukumkani wankaniza, akaphulaphula.

20. Waphinda *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Vuka kusasa ngomso, uhlangabeze ukumkani xa aya emlanjeni, uthethe naye uthi: ‘UNdikhoyo uthi: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza;

21. okanye xa ungayenzi loo nto, ndiya kukuthumela ngamabubu eempukane, zikuhlasele wena namaphakathi akho, nabantu bakho. Ziya kuzalisa ezindlwini zakho, nakwezabantu bakho, nakuwo wonke umhlaba waseJiputa.

22. Kodwa ke eGoshen, apho kukho abantu bam, aziyi kubakho, khon' ukuze uqonde ukuba mna Ndikhoyo ndikho apha kweli lizwe.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 8