Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 7:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi.

18. Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”

19. UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”

20. UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi.

21. Zafa ke iintlanzi apho emlanjeni, aza amanzi awo anuka kangangokuba amaJiputa angabi nako ukuwasela; yaba ligazi nje konke kwelaseJiputa.

22. Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa nawo ayenza loo nto yayisenziwa ngooMosis. Ngenxa yoko ukumkani waqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron njengoko wayetshilo uNdikhoyo.

23. Ndaweni yaloo nto wasuka wee khwitshi wangena ebhotwe, akayikhathalela le nto ihlileyo.

24. AmaJiputa wona azigrumbela amanzi apho kufuphi nomlambo, kuba la omlambo ayengaseleki.

25. Kwadlula iintsuku ezisixhenxe emveni kwesibetho saseNayile.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 7