Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 7:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho.

2. UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe.

3. Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa.

4. Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 7