26. Ngulaa Aron ke lo wathi benoMosis bathunywa nguNdikhoyo wathi: “Hambani niyokukhupha amaSirayeli eJiputa.”
27. Ngabo abâthetha nokumkani waseJiputa ngokukhululwa kwamaSirayli eJiputa, lo Mosis nalo Aron.
28. Mhlenikwezeni uNdikhoyo wathetha noMosis kwelaseJiputa,
29. wathi kuye: “NdinguNdikhoyo; ukumkani waseJiputa mxelele yonke into endiyithetha kuwe.”
30. Kambe ke uMosis wathi: “Uyandazi ukuba andilociko lokuthetha; angandiphulaphula njani ukumkani?”