Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 6:2-17 Ibhayibhile (XHO96)

2. UThixo wathetha noMosis wathi: “*NdinguNdikhoyo.

3. Ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi njengoThixo uSomandla, kodwa ke andizange ndizazise kubo ngegama lam uNdikhoyo.

4. Ngaphezu koko ndênza umnqophiso nabo, ndathi ndobanika ilizwe laseKanana, apho boma khona baxhwarhe okwabahambi.

5. Ngoku ke ndisivile isingqala samaSirayeli ngenxa yokukhotyozwa ngamaJiputa, ndaye ke ndiwukhumbule loo mnqophiso.

6. Ngoko ke yithi kumaSirayeli: ‘NdinguNdikhoyo, ndaye ke ndiza kunikhupha kwingcinezelo yamaJiputa, ndinikhulule kwiimbophelelo zawo. Ndiya kunihlangula ngesandla esigadalala nangezigwebo ezingqongqo.

7. Ndiya kunenza abantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Nani ke niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu onikhulule ebukhobokeni eJiputa.

8. Ndiya kunikhokela, ndinise kwilizwe endafungayo ukuba ndolinika uAbraham, uIsake, noYakobi. Ndiya kunipha lona, libe lelenu; kaloku mna ndinguNdikhoyo.’ ”

9. La mazwi uMosis wawaxela kumaSirayeli, kodwa ngenxa yokudakumba nangenxa yenkohlakalo yasebukhobokeni akamphulaphulanga.

10. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:

11. “Hamba uye kukumkani waseJiputa, uthi ndithi kuye makawakhulule amaSirayeli, aphume emhlabeni wakhe.”

12. UMosis waphendula wathi: “Njengokuba engandiphulaphuli nje amaSirayeli, uya kundiphulaphula njani ke ukumkani? Ibe ke andililo naciko.”

13. Naxa kunjalo uNdikhoyo wathetha nabo ooMosis noAron, wabathumela kumaSirayeli nakukumkani, esithi amaSirayeli makakhutshwe aphume eJiputa.

14. Nazi iintloko zezindlu. Oonyana bakaRubhen amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi. Ezo ke zizindlu zakwaRubhen.

15. Oonyana bakaSimon nguJemuweli, noJamin, no-Ohadi, noJakin, noZoware, kunye noShawule unyana womKananakazi. Ezi ke zizindlu zakwaSimon.

16. Oonyana bakaLevi ngokuzana kwabo nguGershon, noKohati, noMerari. ULevi ke wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

17. Naba oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo: nguLibheni noShimeyi.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 6