Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 6:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. UMosis waphendula wathi: “Njengokuba engandiphulaphuli nje amaSirayeli, uya kundiphulaphula njani ke ukumkani? Ibe ke andililo naciko.”

13. Naxa kunjalo uNdikhoyo wathetha nabo ooMosis noAron, wabathumela kumaSirayeli nakukumkani, esithi amaSirayeli makakhutshwe aphume eJiputa.

14. Nazi iintloko zezindlu. Oonyana bakaRubhen amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi. Ezo ke zizindlu zakwaRubhen.

15. Oonyana bakaSimon nguJemuweli, noJamin, no-Ohadi, noJakin, noZoware, kunye noShawule unyana womKananakazi. Ezi ke zizindlu zakwaSimon.

16. Oonyana bakaLevi ngokuzana kwabo nguGershon, noKohati, noMerari. ULevi ke wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

17. Naba oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo: nguLibheni noShimeyi.

18. Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. Ke yena uKohati wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anantathu.

19. Oonyana bakaMerari nguMalin Mushi. Ezi ke zizindlu zakwaLevi ngokokuzana kwazo.

20. UAmram wathatha udade boyise uJokobhedi, owamzalela uAron noMosis. UAmram wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 6