Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 40:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Wakukhov' ukwenjenjalo ke, uya kuthatha amafutha, umisele isibingelelo ngokusithambisa ngawo xa sisonke ndawonye neempahla zaso. Wakuba uyenzile ke loo nto, siya kuba yindawo eyodwa ekhethekileyo.

10. Kamva ke uya kuthambisa iqonga lamadini ndawonye nezixhobo zalo. Nalo ke liya kutsho libe yindawo ekhethekileyo.

11. Kwangokunjalo ke uze uthambise nesitya sokuhlambela nesiseko saso.

12. “Kwakhona ke uya kubiza uAron noonyana bakhe, beze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.

13. Ngoku ke uAron makavathe ezobubingeleli, umthambise ummisele abe ngumbingeleli.

14. Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba.

15. Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”

16. Ke kaloku yonke le nto uMosis wayenza kanye ngokomyalelo lowo kaNdikhoyo.

17. Ngoko ke kwathi ngomhla wokuqala, kwinyanga yokuqala, ngonyaka wesibini bemkayo eJiputa, samiselwa isibingelelo.

18. Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika.

19. Wasuka ke wayitwabulula intente yesibingelelo, wayambathisa nangesigqubuthelo sayo kanye ngokomlomo kaNdikhoyo.

20. Ngoko ke wathatha amacwecwe amabini anobungqina bomnqophiso, wawafaka kwityesi yomnqophiso. Wathatha nemiqobo, wayifaka kuloo makhonkco etyesi, waza wayivala ngesivalo sayo.

21. Emva koko wathatha ityesi yomnqophiso leyo, wayingenisa esibingelelweni, wavala ngomkhusane. Ngale ndlela ke wayivalela ityesi yomnqophiso ngokwelizwi likaNdikhoyo.

22. Ke kaloku wathatha itafile, wayingenisa esibingelelweni, wayibeka kwicala langasentla nganeno komkhusane,

23. waza wathatha isonka esinikelwe kuNdikhoyo, wasibeka phezu kwayo ngokomyalelo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 40