Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 40:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. Uya kuthatha ityesi enobungqina bomnqophiso, uyifake esibingelelweni, uyivalele ngomkhusane.

4. Uze ungenise itafile, ngokunjalo nezinto ezibekwa phezu kwayo, uyimise ngohlobo lwayo. Phezu kwayo uze ubeke nesibane nobuxhaka-xhaka baso.

5. Ngoku ke faka iqonga lesiqhumiso, eliya lenziwe ngegolide, phambi kwetyesi yomnqophiso; uze ufake umkhusane wesango lesibingelelo.

6. Apho ke phambi komnyango wesibingelelo misa iqonga lamadini.

7. Faka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nesango lesibingelelo, usigalele amanzi.

8. Ngoku ke twabulula uthango lwenkundla jikelele, ufake umkhusane esangweni.

9. “Wakukhov' ukwenjenjalo ke, uya kuthatha amafutha, umisele isibingelelo ngokusithambisa ngawo xa sisonke ndawonye neempahla zaso. Wakuba uyenzile ke loo nto, siya kuba yindawo eyodwa ekhethekileyo.

10. Kamva ke uya kuthambisa iqonga lamadini ndawonye nezixhobo zalo. Nalo ke liya kutsho libe yindawo ekhethekileyo.

11. Kwangokunjalo ke uze uthambise nesitya sokuhlambela nesiseko saso.

12. “Kwakhona ke uya kubiza uAron noonyana bakhe, beze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.

13. Ngoku ke uAron makavathe ezobubingeleli, umthambise ummisele abe ngumbingeleli.

14. Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba.

15. Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 40