Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 40:27-38 Ibhayibhile (XHO96)

27. watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo.

28. Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo,

29. waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.

30. Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi.

31. UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi,

32. ngalo lonke ixesha bengena esibingelelweni okanye besiya kwiqonga lamadini, ngokwelizwi likaNdikhoyo.

33. Ke kaloku uMosis wabiyela inkundla yangqonga isibingelelo neqonga lamadini, waza walivala ngomkhusane isango layo. Waba ke ngoko uwufezile umsebenzi.

34. Kwesi sithuba ke lasuka ilifu lasigubungela *isibingelelo, saza isibingelelo sathi qhakra bubuqaqawuli *bukaNdikhoyo.

35. Ngenxa yale meko uMosis akabanga saba nako ukungena esibingelelweni.

36. Kolu hambo lwawo ke amaSirayeli ayesithi apho lisuke khona ilifu esibingelelweni athabathise eluhambeni kwakhona.

37. Kanti ke ayelinda anganduluki xa lisafukamile ilifu elo.

38. Kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesoloko elibona ilifu elalatha ubukho bukaNdikhoyo likhakhaba apho esibingelelweni xa kusemini, lisuke ke ebusuku lithi qhakra umlilo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 40