Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 39:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli ooBhezaleli bazenza zayile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Ezi mpahla ke ababingeleli babezinxiba xa besebenza endaweni engcwele. Izivatho zika-Aron ke bazenza ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis.

2. *Isidanga basenza ngelaphu elisontwe ngobunono. Laliyile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; ngokunjalo basebenzisa negolide xa bayenzayo.

3. Bathatha igolide, bayibumba bayincwela, bakhupha imisonto, baza bayithungela ngobugcisa nobunono kweli laphu limabala-bala.

4. Bayenzela imixwayo eqabela emagxeni, idibanise amacala ayo omabini.

5. Ibhanti yayo entle kunene, eyenziwe kwangelo laphu, bayithungela ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

6. Bathatha amatye ekarneli, bawalungisa bawafakela izipeliti zegolide. Kula matye ke kwakukrolwe ngobugcisa obukhulu amagama oonyana bakaYakobi abalishumi elinambini.

7. Bawafakela kwimixwayo yesidanga ukuze abe sisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli abalishumi elinambini ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

8. Isikhuselo-sifuba basenza kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.

9. Basenza sangumphindo olinganayo, ubude nobubanzi baziisentimitha ezingamashumi amabini anambini.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 39