Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 38:10-26 Ibhayibhile (XHO96)

10. Wawumisa ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, zixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, waza wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

11. Nakwicala langasentla ke wayenza kwangolu hlobo.

12. Ngasentshona ke umkhusane wawenza ngelaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, wawenzela neentsika ezilishumi, zaxhaswa ziziseko ezikwalishumi; wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

13. Kwicala lasempuma, apho kwakukho isango, umkhusane wawuziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.

14-15. Ngapha nangapha esangweni umkhusane wawenza waziimitha ezintandathu mashumi omathandathu eesentimitha; wawenzela neentsika ezintathu, zaxhaswa ziziseko ezikwazithathu.

16. Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule.

17. Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva.

18. Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.

19. Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.

20. Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.

21. Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

22. UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.

23. Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.

24. Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

25. Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima.

26. Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 38