Wathatha igolide, wabumba *izithunywa ezimaphiko zambini, wazenza zaba yinto enye nesivalo eso, zamiswa ngapha nangapha phezu kwaso zijongene, athi ke naloo maphiko azo athe naa agubungela isivalo eso.