Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 34:32-35 Ibhayibhile (XHO96)

32. Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi.

33. Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe.

34. Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli.

35. Wona ke ayebubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla. Kambe ke wayeye afake isigqubuthelo, ade aphinde kwakhona aye kuthetha noNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 34