Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 34:27-34 Ibhayibhile (XHO96)

27. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Wabhale la mazwi. Kaloku umnqophiso wam nani uxhomekeke kuwo.”

28. Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.

29. Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto.

30. UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye.

31. Kodwa uMosis wababiza, waza uAron nazo zonke iinkokheli zamaSirayeli beza kuye, waza wathetha nabo.

32. Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi.

33. Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe.

34. Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 34