Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 34:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngomso kusasa uze unyuke intaba iSinayi, apho uya kundibona nam khona.

3. Makungabikho mntu uhamba nawe okanye usondelayo nakuliphi na icala lentaba; nditsho kwaiigusha neenkomo mazingasondeli entabeni.”

4. UMosis ke wawaqingqa amacwecwe amabini amatye, waza ngengomso kusasa wenyuka nawo entabeni iSinayi ngokokutsho kukaNdikhoyo, ewaphethe ngezandla.

5. Ke kaloku uNdikhoyo wehla ngelifu, waza wema noMosis apho entabeni, walikhankanya igama lakhe – uNdikhoyo.

6. Waza ke wadlula phambi kwakhe, wandula wathi: “UNdikhoyo nguThixo onemfesane nesisa, oza kade umsindo, ophuphuma izibele nokunyaniseka.

7. Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”

8. UMosis wasuka wee guqaqa wakhahlela;

9. wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”

10. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu.

11. Yithobeleni imithetho endininika yona namhlanje. Xa ningenayo ndiya kuwagxotha ama-Amori, amaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

12. Ningakhe nilinge nenze izivumelwano naba bantu ningena emhlabeni wabo, kuba ngokwenjenjalo ningazifaka esigwini.

13. Ndaweni yaloo nto wadilizeni amaqonga abo amadini, niyifohloze imifanekiso yabo; ke sona *isithixo sabo uAshera ze nisityoboze.

14. “Ningaze ninqule thixo wumbi, kuba mna Ndikhoyo ndinguSobukhwele; ndinguThixo onekhwele.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 34