Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.