Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 33:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha.

16. Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”

17. UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”

18. UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”

19. UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo.

20. Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 33