Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 33:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.

12. UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’

13. Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”

14. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”

15. Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha.

16. Xa ungahambi nathi kuya kwaziwa njani ukuba ukholisekile ndim naba bantu? Kanti ke xa ukho phakathi kwethu, siya kutsho sahluke kulo lonke uluntu.”

17. UNdikhoyo wathi: “Ndiza kwenza kanye ngokwesicelo sakho, kuba kaloku ndikholisekile nguwe, futhi ke ndikwazi kakuhle.”

18. UMosis waphinda wenza isicelo, wathi kuNdikhoyo: “Ke ngoku khawundivelele ngobuqaqawuli bakho.”

19. UNdikhoyo wathi: “Ndiza kukubonisa isidima sam njengoko sinjalo, futhi ndilikhankanye igama lam ezindlebeni zakho, mna Ndikhoyo. Kaloku ndiya kuba nenceba kwabo ndinenceba kubo, ndibe novelwano kwabo ndinovelwano kubo.

20. Andizukukubonisa ubuso bam; kaloku akukho mntu unokububona aphinde aphile.

21. Kambe ke nantsi indawo ecaleni kwam apho ungema khona phezu kweliwa.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 33