*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’