Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 31:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona;

11. amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”

12. *UNdikhoyo wathi uMosis

13. makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana.

14. Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe.

15. Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe.

16. AmaSirayeli makaluhlonele olu suku, lube ngumqondiso ngokomnqophiso kwizizukulwana ngezizukulwana.

17. Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”

18. Akukhov' ukuthetha uThixo noMosis entabeni yeSinayi, wamnikezela amacwecwe amatye amabini, apho uThixo ngenkqu wayeyibhale khona imimiselo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 31