Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 30:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Lenzele amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuliphatha.

5. Nayo le miqobo yenze ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.

6. Eli qonga malibe nganeno komkhusane ophambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso evalwe ngesivalo sokungxengxezela, apho ndiya kuhlangana nawe khona.

7. Miso le xa uAron eze kulungisa izibane, uya kufaka isiqhumiso esivumba limnandi kweli qonga.

8. Nasemalanga ke, xa eze kulumeka izibane, makenze kwangolo hlobo. Lo mnikelo ke wesiqhumiso mawungatyeshelwa kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.

9. Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo.

10. Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”

11. *UNdikhoyo ke wathi kuMosis:

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 30