Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 30:33-37 Ibhayibhile (XHO96)

33. Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

34. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo.

35. Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu.

36. Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu.

37. Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 30