Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 30:20-36 Ibhayibhile (XHO96)

20. xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi.

21. Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”

22. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

23. “Thatha obona bulawu bodidi: iikhilogram ezintandathu zemore engamanzi, iikhilogram ezintathu zesinamon evumba limnandi, iikhilogram ezintathu zezele elivumba limnandi, neekhilogram ezintandathu

24. zekasiya; zonke mazilinganiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Xa zizonke ke zidibanise neelitha ezine zamafutha omnquma,

25. wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule.

26. Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso,

27. itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso,

28. iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso.

29. Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu.

30. Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam.

31. Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.

32. Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe.

33. Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

34. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo.

35. Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu.

36. Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 30