Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 30:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Thatha umngampunzi, wenze iqonga lesiqhumiso.

2. Amacala alo makalingane, abe ziisentimitha ezingamashumi amane nantlanu ubude, ngokunjalo nobubanzi; umphakamo ke wona zibe ngamashumi asithoba. Izibonda zeekona mazilabalabe zenze iimpondo.

3. Eli qonga ke lityabeke lonke ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi ke uliphethe ngegolide jikelele.

4. Lenzele amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuliphatha.

5. Nayo le miqobo yenze ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.

6. Eli qonga malibe nganeno komkhusane ophambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso evalwe ngesivalo sokungxengxezela, apho ndiya kuhlangana nawe khona.

7. Miso le xa uAron eze kulungisa izibane, uya kufaka isiqhumiso esivumba limnandi kweli qonga.

8. Nasemalanga ke, xa eze kulumeka izibane, makenze kwangolo hlobo. Lo mnikelo ke wesiqhumiso mawungatyeshelwa kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.

9. Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 30