Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 3:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye:

6. “Mna ndinguThixo wookhokho bakho; uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.” UMosis ke wabugquma ubuso bakhe, kuba esoyika ukujonga uThixo.

7. Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;

8. ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

9. Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.

10. Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”

11. UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”

12. UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”

13. UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”

14. UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.”

15. UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 3