Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 3:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. UThixo waqhuba wathi: “Uze uthi kumaSirayeli: ‘Ndithunywa *nguNdikhoyo, uThixo wookhokho benu: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.’ Kaloku eli ligama lam nanini nanini; ndaye ke ndiya kubizwa ngalo nazizizukulwana ezizayo.

16. Ngoko ke hamba uwaqokelele amadoda amakhulu amaSirayeli, uthi kuwo: ‘Ndimbonile uNdikhoyo, uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi; uthe: “Ndinijongile ndayibona imeko enikuyo apha eJiputa;

17. ngoku ke ndizimisele ukunikhulula kule mbandezelo yaseJiputa, ndinise kwilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi; nditsho ilizwe elivuza ubisi nobusi.” ’

18. “Ukuba ke utshilo kubo baya kukuphulaphula. Wena ke uya kuthatha amadoda amakhulu amaSirayeli, niye kukumkani waseJiputa, nithi kuye: ‘Sibonene noNdikhoyo uThixo wamaHebhere; ngoku ke siyakubongoza ukuba ukhe usikhulule, sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, sibingelele simenzele idini uNdikhoyo Thixo wethu.’

19. Kambe ke ndiyazi ukuba ukumkani waseJiputa akayi kunivumela ngaphandle kokuba ndide ndimnyanzele.

20. Ngoko ke mna ndiya kuwaqwakanisa amaJiputa, ndenze imimangaliso eya kuwarhwaqelisa; emva koko ke uya kunikhulula.

21. “Ngaphezu koko ke amaSirayeli ndiya kuwenza axatyiswe ngamaJiputa, khon' ukuze ningahambi ningaphathanga nto.

22. Kaloku wonke umfazi uya kucela kummelwane nakundwendwe olusendlwini yakhe, bamnike izinto zexabiso zesiliva negolide kwakunye nempahla yokunxiba. Ezo zinto ke ziya kuthwalwa ngoonyana neentombi zamaSirayeli. Ngalinye ke amaSirayeli aya kuyiphanga impahla yamaJiputa.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 3