Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 3:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke uMosis wayesalusa imihlambi kaJetro umbingeleli waseMidiyan, uyise womkakhe. Wayikhokela ke imihlambi leyo, wanqumla entlango, wada waya kufika eHorebhe intaba kaThixo.

2. Apha kulapho sabonakalayo kuye isithunywa *sikaNdikhoyo etyholweni elidangazela umlilo. Uthe ke akuqwalasela uMosis wabona ukuba okunene ityholo liyavutha, kodwa alide litshe.

3. Wathetha yedwa wathi: “Makhe ndisondele ndibone lo mhlola! Ngani ukuba ityholo lingatshi?”

4. *UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!”Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”

5. UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye:

6. “Mna ndinguThixo wookhokho bakho; uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.” UMosis ke wabugquma ubuso bakhe, kuba esoyika ukujonga uThixo.

7. Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;

8. ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

9. Kaloku isikhalo samaSirayeli side saza kufikelela kum, ibe ke ndiyibonile nengcinezelo aphantsi kwayo esandleni samaJiputa.

10. Hamba ke; ndikuthuma kukumkani waseJiputa, ukuze ubakhokele baphume eJiputa abantu bam amaSirayeli.”

11. UMosis wathi kuThixo: “Kuxa ndingubani mna ukuba ndingade ndiye kukumkani ukuze ndikhuphe amaSirayeli eJiputa?”

12. UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”

13. UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”

14. UThixo waphendula wathi: “Ndinguye uNdikhoyo. Uze uwaxelele amaSirayeli ukuba uthunywa nguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 3