Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 29:33-39 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu.

34. Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.

35. “Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo.

36. Mini nganye ke uya kwenza idini lokungxengxezela izono ngenkunzi yenkomo ibe nye. Ngokwenjenjalo uya kuhlambulula iqonga lamadini, uze ke ngokunjalo ulithambise ngeoyile libe nyulu.

37. Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”

38. “Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini.

39. Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 29