Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 28:25-33-34 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.

26. Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.

27. Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

28. Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

29. “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.

30. Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”

31. “Ke wona umnweba ophezu *kwesidanga mawulukwe ube lilaphu elizuba.

32. Mawugqojozwe indawo yokungena intloko, ize iqukunjelwe iqine, ukuze ingakrazuki.

33-34. Kumazantsi awo uze wenze imifanekiso yeerharnati ibe zuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke mazibolekisane neentsinjana ezenziwe ngegolide.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 28