36. Imidumba namasebe makabe nto-nye nesiqu sesibane esenziwe ngegolide engangxengwanga.
37. Kwesi siqu sesibane ke kofakwa izibane ezisixhenxe ngohlobo lokuba ziphose ilitha ngaphambili.
38. Umcephe wokucima isibane nezithetyana zaso mazenziwe ngegolide.
39. Iyonke igolide yokwenza esi sibane nobuxhaka-xhaka baso mayibe ngamashumi amathathu nantlanu eekhilogram ubunzima.
40. Xa iyonke le nto uzuyenze ngokomzekelo endakubonisa wona entabeni.”