Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 25:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2. “Xelela amaSirayeli ukuba bonke abaziva beqhutywa yintliziyo mabakhuphe umnikelo, bawuzise kum.

3. Lo mnikelo ke mawube kwezi ndidi: igolide, isiliva, ubhedu,

4. nelaphu elizuba, nelimsobo, nelibomvu, nelaphu elicikizekileyo, neloboya bebhokhwe,

5. nofele olubomvu lwenkunzi yegusha, nofele olusukiweyo, nomngampunzi,

6. neoyile yesibane, nobulawu bokuqhola, ioyile yesiqhumiso,

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 25