Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 23:23-33 Ibhayibhile (XHO96)

23. Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise.

24. Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye.

25. Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

26. Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.

27. “Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho.

28. Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti.

29. Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye, khon' ukuze kungabi senkangala kwelo lizwe, uthi wena ufika abe amarhamncwa selegunyile.

30. Ndaweni yaloo nto ndiya kuthi chu ukuwafifinga oku, ude wena wande ngokwaneleyo, ube nako ukulithatha elo lizwe ulimé.

31. Imida yakho iya kusuka kuLwandle oluBomvu, iye kuthi xhaxe kulwandle iMeditera; isuke kumlambo iEfrati, iye kuthi gaa ngentlango. Ndiya kubanikezela kuwe abemi belo zwe, ubagxothe phambi kwakho.

32. Uze ungenzi mnqophiso nabo, okanye *nezithixo zabo.

33. Uze ungabavumeli beme emhlabeni wakho, hleze bakulukuhle undivukele. Mhla wazinqula izithixo zabo, woba ungenile emgibeni.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 23