Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 23:10-28 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Amasimi akho walime uwavune iminyaka ibe mithandathu.

11. Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.

12. “Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.

13. “Wanyamekele amazwi endiwathethileyo kuwe. Ungazinquli *izithixo, ungaze uzikhankanye nokuzikhankanya oku.”

14. “Ndenzeleni itheko kathathu ngonyaka.

15. Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa.“Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.

16. “Yenzani itheko lolibo ukuqala kwenu ukuvuna.“Yenzani itheko lesivuno xa niqokelela iziqhamo zomsebenzi wenu emasimini.

17. Minyaka le ngexesha lala matheko mathathu amadoda makeze kundinqula mna *Ndikhoyo iNkosi yenu.

18. “Xa niphalaza igazi, nisenza idini, ze ninganikeli ngaxa-nye ngesonka sentlama enegwele. Ngala mathuba ke amanqatha edini elo makangabekwa mbeko.

19. “Minyaka le zisa ulibo lwesivuno sakho endlwini kaNdikhoyo uThixo wakho.“Uze ungaze ulipheke itakane lebhokhwe ngobisi lukanina.”

20. “Uyabona ke, ndiya kukuthumela isithunywa sam, sikulondoloze endleleni yakho, sikuse kuloo ndawo ndikulungiselele yona.

21. Uze usithobele, ungasivukeli, kuba simele mna; ibe ke asiyi kuba nalusini kulowo usivukelayo.

22. Kambe ke ukuba uyayiphulaphula ngenyameko into ethethwa siso, wenze ngokomyalelo wam, iintshaba zakho ziya kuba zezam, ndibachase abakuchasayo.

23. Isithunywa sam siya kukukhokela, sikuse kwilizwe lama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaKanana, amaHivi, namaJebhusi, ndize mna ndiwatshabalalise.

24. Ungakhe ulinge uguqe unqule *izithixo zawo; ungazingeni neendlela zawo zonqulo. Ndaweni yaloo nto uzuzikhiqe izithixo zawo; uyiqhekeze uyiqethule imifanekiso yazo yamatye.

25. Ukuba ke uthe wanqula mna *Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

26. Kwelo lizwe lenu akukho mfazi uya kuphuma sisu, kungayi kubakho mfazi ungaphathiyo. Ewe, ndiya kunenza niphile nide nikhokhobe.

27. “Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho.

28. Ndozithumela ngoonomeva iintshaba zakho, atsho asabe ungekafiki amaHivi, amaKanana, namaHiti.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 23