Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 22:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. “Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala.

26. Ukuba ke umntu úbambise ngengubo yakhe kuwe, ze uyibuyisele kwakuye lingekatshoni ilanga,

27. kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.

28. “UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.

29. “Ungathandabuzi ukuthatha kwisivuno nakwiwayini yakho, wenze ngazo umnikelo kum.“Unyana wakho wamazibulo nikela ngaye kum.

30. Namazibulo enkomo okanye igusha makabe ngumnikelo kum. Makahlale nonina iintsuku zibe sixhenxe qha, aze ngolwesibhozo anikelwe kum.

31. “Ningabantu bam ncakasana; ke ngoko sanukuyitya inyama yemfuyo eqwengwe ngamarhamncwa asendle – ndaweni yaloo nto yinikeni izinja.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 22