Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 22:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. “Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.

21. “Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa.

22. Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama.

23. Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo,

24. ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.

25. “Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 22