Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 20:9-15 Ibhayibhile (XHO96)

9. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho.

10. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu.

11. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

12. “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

13. “Musa ukuba sisibulala-mntu.

14. “Musa ukukrexeza.

15. “Musa ukûba.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 20