Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 20:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba.

5. Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.

6. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo, beyithobela imiyalelo yam.

7. “Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

8. “Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo.

9. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho.

10. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu.

11. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

12. “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

13. “Musa ukuba sisibulala-mntu.

14. “Musa ukukrexeza.

15. “Musa ukûba.

16. “Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

17. “Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

18. Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 20