Ifikile ke nayo ibhaskiti leyo, inkosazana yayivula. Tyhini! Kuthe kanti lusana! Ngeli xesha ke usana lona lwalulila. Ithe ke yakuba ilondele usana olo inkosazana leyo, kwatsho kwasika kuyo, yathi: “Olu sana luya kuba ngomnye wabantwana bamaHebhere.”