Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 2:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kwakhona wabuza uyise wathi: “Uphi? Kungani na ukuba ningezi naye? Yizani naye, aze afumane into etyiwayo.”

21. UMosis waba selehlala apho kwambingeleli, owada wendisela intombi yakhe uZipora kuye.

22. Yona ke yazala unyana, waza uMosis wamthiya igama elinguGershom, esithi: “Ndiyimbacu kwelasemzini.”

23. Emva kwexesha elide ukumkani waseJiputa wafa. AmaSirayeli ayesancwina phantsi kwedyokhwe yobukhoboka. Isimbonono sawo, ecela ukukhululwa ebukhobokeni, sada saya kufikelela kuThixo.

24. Ewe, wasiva isingqala sawo, wawukhumbula umnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi.

25. UThixo wayibona imeko yamaSirayeli, wawavelela.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 2