Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 2:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngemini elandelayo wabona amaHebhere amabini esilwa, waza wathi kulo uvuyelela omnye: “Kutheni na nisilwa, nizalana nje?”

14. Ke yena wambuza wathi: “Sekungathi uyinduna nomgwebi nje, umiselwe ngubani? Ucinga ukuba ndingulaa mJiputa umbuleleyo – nam uza kundigebenga?”Akuweva la mazwi uMosis woyika, wathetha yedwa esithi: “Ithe kanti le nto iyaziwa!”

15-16. Akuyiva le nto ukumkani watsho wafuna ukumbulala uMosis. Kambe ke yena uMosis wasaba, waya kuhlala kwelaseMidiyan.Ke kaloku umbingeleli waseMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe. Ngenye imini wathi uMosis esahleli ngasequleni, zafika zize kuthutha amanzi, ziwagalela emikhumbini ezaziselela kuyo iigusha zikayise.

17. Kusenjalo kwafika abanye abelusi, bazigxotha iintombi ezo, kodwa ke uMosis waba ngakuzo iintombi ezo, wazilungiselela zasela iigusha zakowazo.

18. Zithe ke zakufika ekhaya iintombi ezo, uyise uRuweli wabuza wathi: “Kutheni nikhawuleze kangaka nje namhlanje?”

19. Ke zona zaphendula zathi: “Kukho umJiputa osihlanguleyo kubelusi. Ude wasikhelela namanzi, waziseza iigusha zakuthi.”

20. Kwakhona wabuza uyise wathi: “Uphi? Kungani na ukuba ningezi naye? Yizani naye, aze afumane into etyiwayo.”

21. UMosis waba selehlala apho kwambingeleli, owada wendisela intombi yakhe uZipora kuye.

22. Yona ke yazala unyana, waza uMosis wamthiya igama elinguGershom, esithi: “Ndiyimbacu kwelasemzini.”

23. Emva kwexesha elide ukumkani waseJiputa wafa. AmaSirayeli ayesancwina phantsi kwedyokhwe yobukhoboka. Isimbonono sawo, ecela ukukhululwa ebukhobokeni, sada saya kufikelela kuThixo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 2