Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 19:1-2-8 Ibhayibhile (XHO96)

1-2. Kanye ukuphela kwenyanga yesithathu amaSirayeli aphumayo eJiputa, amaSirayeli anduluka eRefidim, aya kugaleleka kwintlango yeSinayi, emisa phantsi kwentaba iSinayi.

3. Ke yena uMosis wenyuka intaba, waya kuThixo. *UNdikhoyo wambiza wathi: “Thetha namaSirayeli, inzala kaYakobi, uthi:

4. ‘Niyibonile imimangaliso endiyenzileyo mna Ndikhoyo kumaJiputa, nokuba nani ndanisondeza ndanithwala ngokokhozi luthwele amathole alo.

5. Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,

6. kambe ke nina niya kuba ngababingeleli basebhotwe, nibe luhlanga olulodwa.’ Ngawo la ke amazwi omawuwabhekise kumaSirayeli.”

7. UMosis wehla ke entabeni, wawadibanisa amadoda amakhulu, wawaneka umyalelo kaNdikhoyo phambi kwawo.

8. Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 19