Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 19:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ngentsasa yomhla wesithathu ke zavakala izabhokhwe zeendudumo, yabe yona ke imibane itshawuza, kwaza kwabonakala nelifu elingqingqwa apho entabeni. Asisathethi ke ngomtyangampo wexilongo owabetha kwathi nkxwee, kangangokuba abantu bagubha luloyiko esikhululweni.

17. Ke kaloku uMosis waphuma nabo besiya kuThixo, baza ke bema emazantsi entaba.

18. Yonke intaba iSinayi yambathiswa sisithokothoko somsi, kuba uNdikhoyo wehlela kuyo engathi ungumlilo. Umsi lowo ke wanyuquza ngathi uphuma eziko, yaza intaba yanyikima ngamandla.

19. Kanti ke nesandi sexilongo saya sikhula ngakumbi. Waza wathetha ke uMosis, naye uThixo waphendula ngeendudumo.

20. Ke kaloku uNdikhoyo wehla wathi ngcu phezu kwencochoyi yentaba iSinayi, wathi kuMosis makenyukele khona naye,

21. waza ke wathuma uMosis, wathi: “Yihla ufike ubayale abantu hleze bawutsibe umda, beze kundibuka, kuba xa beyenzile loo nto luya kufa uninzi lwabo.

22. Nkqu nababingeleli abasondelayo kum mabahlambuluke, hleze ndibatshabalalise.”

23. UMosis waphendula wathi: “Kaloku, *Mhlekazi, abantu abanako ukunyuka beze entabeni, kuba ubusiyalile wathi intaba masiyahlule siyijikeleze ngomda, khon' ukuze kungabikho nto isondelayo kuyo.”

24. UNdikhoyo wathi kuye: “Hamba uye kuthatha uAron, uze naye apha. Kodwa ke bona ababingeleli kunye nabanye abantu bangàkhe balinge bawutsibe umda, hleze ndibatshabalalise.”

25. Ngenene ke uMosis wehla, wafika wabaxelela abantu into ethethwe nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 19