Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 18:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye.

20. Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo.

21. Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo.

22. Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 18