Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 18:16-27 Ibhayibhile (XHO96)

16. kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”

17. Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga.

18. Ngale ndlela uqhuba ngayo uyaziqoba. Uya kuxhwaleka uphel' amandla; naba bantu baya kudinwa yile nto. Kaloku umsebenzi onje awukulingananga uwedwa.

19. Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye.

20. Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo.

21. Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo.

22. Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo.

23. Ukuba wenjenje ke ngokuvuma kukaThixo, awuyi kuqobeka, futhi ke nabantu aba baya kutsho bavisisane.”

24. Ngenene ke uMosis wenza ngokwecebo likaJetro,

25. wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo.

26. Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis.

27. Ke kaloku uMosis wamkhulula uJetro, waphindela kwelakowabo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 18