Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 17:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.

7. Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”

8. Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.

9. UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”

10. UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba.

11. Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli.

12. Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.

13. Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.

14. *UNdikhoyo ke wathetha noMosis, wathi: “Yibhale ingcombolo yale mfazwe, khon' ukuze ingaze ilibaleke. Xelela uYoshuwa ukuba ndizimisele ukuwacim' igama ama-Amaleki kwelimiweyo.”

15. UMosis wenza iqonga lamadini, wathi igama lalo nguNdikhoyo intshinga yam,

16. esithi: “Yiphakamiseni intshinga kaNdikhoyo. UNdikhoyo uya kulwa naye uAmaleki kude kube ngunaphakade.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 17