21. Ngazo zonke iintsasa babethatha kangangezisu zabo. Kwakusithi ke lakuba shushu ilanga kunyibilike kuphele oko kutya kwabo.
22. Ngomhla wesithandathu ke ukutya bakuthatha ngokuphindwe kabini, umntu ngamnye waneelitha ezine. Ke iinkokheli le nto zayixela kuMosis
23. owathi yena kuzo: “UNdikhoyo usiyale wathi ngomso ngumhla owodwa wokuphumla, lusuku oluphawulelwe yena. Ngoko ke bhakani namhlanje xa nifuna, futhi nipheke kwanamhlanje, okuseleyo ke nikugcinele ingomso.”
24. Okuseleyo ke bakugcinela ingomso ngokokutsho kukaMosis. Kona ke zange konakale.
25. UMosis ke wathi kubo: “Yityani namhlanje, kuba olu lusuku lokuphumla oluphawulelwe uNdikhoyo; ngalo aniyi kukufumana ukutya phandle phaya.
26. Oku kutya ningakuqokelela iintsuku zibe ntandathu, kodwa ke ngolwesixhenxe *nguMhla wokuPhumla; ngawo ke akukho.”