Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.

9. Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.

10. AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.

11. Abhekisa kuMosis athi: “Kungokuba kungekho mangcwaba na eJiputa, le nto usizisa entlango, ukuze sifele khona? Uyayibona ke into oyenzileyo ngokusikhupha eJiputa? Asiyiyo le nto sasiyithetha kuwe phambi kokuba sinduluke?

12. Ewe, sasitshilo kuwe sathi siyeke sibe ngamakhoboka amaJiputa. Bekubhetele ukuba sibe ngamakhoboka awo endaweni yokuba size kufela kule ntlango!”

13. Ke yena uMosis wathi kuwo: “Sanukoyika; qinani! Niza kubona; uNdikhoyo uza kunihlangula namhlanje! Ke wona la maJiputa niwabonayo namhlanje soze niphinde niwabone kwakhona!

14. Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!”

15. UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Sesani ke esi sikhalo nisenzayo? Yitsho amaSirayeli ahambele phambili.

16. Wena yolula ingalo yakho, uphakamise induku phezu kolwandle. Amanzi aya kuhlukana kubini, aze amaSirayeli awele ehamba emhlabeni owomileyo.

17. AmaJiputa ndiya kuwenza abe neenkani, atyhudise emva kwamaSirayeli. Ke mna olwam uloyiso luya kuqaqamba phezu kokumkani nemikhosi yakhe, ngokunjalo neenqwelo zakhe.

18. Ndiya kuthi ndakumoyisa ukumkani wamaJiputa nomkhosi wakhe, abantu bakhe batsho bandazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14