Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:26-28 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.”

27. UMosis wenza ngokomyalelo lowo, kwaza kwathi ke ngomsobomvu amanzi athi wayi-wayi abuyela endaweni yawo. Athi ke esaduntsuza ezama ukubaleka amaJiputa, uNdikhoyo wawagubungela ngolwandle.

28. Ewe, amanzi adibanisa abuyela kwindawo yawo yesiqhelo, aza ke wona amaJiputa neenqwelo zawo nawo wonke umkhosi kakumkani owawuleqa amaSirayeli wantywiliselwa lulwandle, akwasala nomnqongo lo!

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14